Genesis 39:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umpati wentolongo ebengakangeli nanye into epantsi kwesandla sake, ngenxa yokuba uyehova ebenaye; nako konke abekwenza, uyehova wakutamsanqelekisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umphathi wentolongo akakhathalelanga nto isesandleni sakhe, ngenxa yokuba uYehova ubenaye; zonke izinto ebesakuzenza, uYehova ubeziphumelelisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umgcini wababanjwa wayengaboni nto esandleni sakhe; ngokuba uYehova ubenaye, nento awayenzayo uYehova wayiphumelelisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wamphumeza uJosefu kangangokude ujela angabi sajongana nemisebenzi eyayijongwe nguJosefu, kuba uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.