Genesis 39:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati kuseloko yabimongamisa pezu kwendlu yayo, napezu kwako konke inako, watamsanqela uyehova indlu yom‐Jipete ngenxa yake u‐Josefe; lide labako itamsanqeliso likayehova pezu kwako konke inako, endlwini nasendle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ukususela ekubeni yamenza umveleli wendlu yayo neento zonke ebinazo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu. Yabakho intsikelelo kaYehova ezintweni zonke ebinazo, endlwini nasezindle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukususela ekummiseleni kwakhe ukuba abe ngumgcini wendlu yakhe nezinto zonke anazo, uYehova wayisikelela indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu; yaye intsikelelo kaYehova yaba kuyo yonk’ into awayenayo endlwini nasemasimini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukususela ngoko uNdikhoyo wawuthamsanqelisa umzi waloo mJiputa, kunye nemfuyo yakhe, namasimi akhe, nayo yonke into awayenayo, ngenxa kaJosefu.