Genesis 39:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko walayo, wati emfazini wenkosi yake: Bona ke, inkosi yam ayikwazi oko kukum endlwini; nako konke inako ikunikele esandleni sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wala, wathi kumkankosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayiyazi into endinayo endlwini, nokuba indinike konke enako;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu wala, esithi: “Inkosi yam ijonge kum, mna Josefu, ngento yonke yayo; ayisazikhathazi nganto, kuba ithembe mna.