Genesis 4:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandul’ ukuti uyehova kuye: Ngako oko osukuba ebulala u‐Kayine, kwopindezelwa kuye ngokusixe̔nxe. Waye uyehova wambekela u‐Kayine umqondiso, wokokuba ati osukuba emfumana angambulali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuye, xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuye, Ngako oko, bonke ababulala uKayin kophindezelwa ngokuphindwe kasixhenxe. uYehova wamphawula uKayin, ukuze kungabikho bani umfumanayo angambulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphendule wathi uNdikhoyo: “Hayi, akunjalo; ukuba kubekho mntu ukubulalayo, ndomohlwaya ngokuphindwe kasixhenxe.” Waza ke uNdikhoyo wamphawula uKayen khon' ukuze nabani na odibana naye angambulali.