Genesis 4:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Kayine wazi umfazi wake; wada wakaula, wazala u‐Enoki: waza waka isixeko, wabiza igama lesixeko eso ngegama lonyana wake, ngo‐Enoki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wakha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uKayin wamazi umkakhe; wamitha, wazala uEnoki; wakha umzi, wawuthiya ngegama lonyana wakhe, uEnoki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UKayen nomkakhe bafumana umntwana oyinkwenkwe, uInoki. Wakha isixeko uKayen, wasithiya ngegama lonyana wakhe.