Genesis 4:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Lameki kubafazi bake: Hada no‐Tsila! pulapulani ilizwi lam; nina bafazi baka‐Lameki! bekelani ukuteta kwam indlebe; ngokuba indoda ndiyibulele ngenxa yenxeba lam, nendodana ngenxa yomvimbo wam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uLameki kubafazi bakhe, ada noZila, liveni ilizwi lam. Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam. Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam, nendodana ngenxa yomvumbo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uLameki kubafazi bakhe, Ada noSila, liveni ilizwi lam; Zintombi zikaLameki, liveni ilizwi lam, ngokuba ndibulele indoda ngenxeba, nomfana ngomvandedwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uLameki kubafazi bakhe: “Ada noZila, khanive bethu; bafazi bakaLameki, bekani iindlebe. Ndombulala umntu ondibethayo, umfana ondenzakalisayo.