Genesis 4:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wazi u‐Adame umfazi wake; waza wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Shete: ngokuba utixo, watsho, endimisele enye inzalo esikundleni sika‐Abele, ngokuba u‐Kayine embulele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete, kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAdam wabuya wamazi umkakhe; wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete. Ngokuba wathi, uThixo undinike enye imbewu ngoAbheli owambulala uKayin.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAdam nomkakhe baba nomnye unyana. Wathi uEfa: “UThixo undiphe omnye unyana endaweni ka-Abheli owabulawa nguKayen.” Wathi ke igama lakhe nguSeti.