Genesis 4:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naku‐Shete, kwa nakuye kwazalwa unyana; negama lake walibiza ngo‐Enoshe. Kwaqalwa oko ukubiza ngegama likayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe.Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo uSete wazalelwa unyana; Wamthiya igama elinguEnoshe; Baqala ke abantu ukulibiza igama likaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USeti wazala unyana, wathi nguEnoshe. Baqala ngoko ke abantu ukunqula igama *likaNdikhoyo.