Genesis 4:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa ulungisayo, akuyi kwamkelwa na? nanxa ungalungisiyo, isono silele ngaselucangweni: kwakuya kuba kuwe ukukanuka kwake, uti wena umongame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe walungisa, anisayi kwamkeleka na? ukuba ke wenze kakuhle, isono sesikungxamele emnyango. Kwaye emva kwakho uya kuba ngumnqweno wakhe, kwaye uya kulawula phezu kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ubulungisile, ngewamkelekile; kodwa ke, kuba wenze ububi, isono sesikungxangele emnyango. Isono sifuna ukukulawula, kodwa uze usilwe usoyise.”