Genesis 40:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngomhla wesitatu, ngomhla wokuzalwa kuka‐Faro, ukuba wenzela zonke izicaka zake umtendeleko; wandula wapakamisa intloko yompati wabancamli, nentloko yompati waboji, pakati kwezicaka zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabenzela isidlo bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli, nentloko yomphathi waboji bezonka phakathi kwabakhonzi bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabalungiselela isidlo bonke abakhonzi bakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngomhla wokukhunjulwa kokuzalwa kukakumkani, ngemva kweentsuku ezintathu ukususela koku, ukumkani wenzela iindedeba zasebhotwe itheko. Wayikhulula injoli nombhaki, beziswa phambi kwezo ndedeba.