Genesis 40:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati inkosi yomlisela yamongamisa u‐Josefe pezu kwabo, ukuba abakonze: kwakumzuzu babeko ekugcinweni apo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umthetheli wabasiki wathi uYosefu makahambe nabo, abalungiselele; bahlala ke entolongweni ixesha elithile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bahlala ke entolongweni apho, yaza induna yenza uJosefu umququzeleli wabo.