Genesis 41:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko apo nati indodana engum‐Hebere, isicaka senkosi yomlisela; saza saxela kuyo, eyasityilela amapupa etu; yatyilela omnye nomnye njengepupa lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakukho kuthi umfana ongumHebhere isicaka somthetheli wabasiki, sasixelela, sasityhilela amaphupha ethu, samtyhilela elowo ngokwephupha lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kukho kuthi umfana ongumHebhere, umkhonzi womthetheli wabasiki; saza samxelela, yaye wasichazela amaphupha ethu; wachazela wonke umntu ngephupha lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho kwakukho umfana womHebhere, evalelwe nathi, engumququzeleli womphathi-balindi. Sathi sakumlawulela wasichazela sobabini amaphupha ethu.