Genesis 41:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo bona ke, ezinye imazi ezikwa sixe̔nxe zenyuka emva kwazo, zinqinile, zizimbi kakulu ngesimilo, zibityile ngenyama; endingazanga ndibone ezinjalo kulo lonke ilizwe le‐Jipete ukuba zimbi kangaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nanko, kunyuka kuphuma amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, ebhityile, emabi kakhulu, engamarhoqorhoqo, endingazanga ndibone anjalo kulo lonke ilizwe laseYiputa, ukuba mabi kwawo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona kunyuka amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, emabi, emabi kakhulu, emabi kakhulu, endingazanga ndiwabone kulo lonke ilizwe laseYiputa, ngenxa yobubi obubi kuwo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuvele esinye isixhenxe seemazi ezinqinileyo. Zaziyeyona migqutsuba ndakha ndayibona kwelaseJiputa.