Genesis 41:45 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Faro wabiza u‐Josefe ngegama elingu‐Tsafenate‐paneha, wamnika u‐Asenate, intombi ka‐Potifera, umperisite we‐One, abe ngumfazi. Waye u‐Josefe wapumela pezu kwelizwe le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UFaro wamthiya uYosefu igama lokuba nguTsafenati-paneha, wamnika uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ukuba abe ngumkakhe. Waphuma uYosefu, walihamba ilizwe laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uFaro wamthiya uYosefu igama lokuba nguSafenati-paneha; wamnika uAzenati, intombi kaPotifare, umbingeleli wamnye, ukuba abe ngumkakhe. Waphuma uYosefu, waya kulo lonke ilizwe laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Watsho ke ethiya uJosefu igama abizwa ngalo eJiputa elinguZafenati-paneya, wamzekela nomfazi, uAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni. Ukuqala kwakhe ukungena kwakumkani waseJiputa wayemashumi mathathu ubudala uJosefu. Wemka ebhotwe, walijikeleza lonke elaseJiputa.