Genesis 41:49 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Josefe wabekela inqolowa njengentlabati yolwandle, ngento eninzi kunene, wada wayeka ukubala; ngokuba ibingenako ukubalwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYosefu wayifumba ingqolowa yanjengentlabathi yolwandle, yaninzi kunene, wada wayeka ukubala, kuba ibingenakubalwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYosefu wayihlanganisa ingqolowa yam, kunye nentlabathi yolwandle, yaninzi, wada walishiya inani; ngokuba lingena nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ingqolowa yayiyintaphane kangangokuba wada wayeka ukuyiveyisha uJosefu. Yayingangentlabathi ukuba ninzi kwayo.