Genesis 41:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute kwakusa, umoya wake wauxalile; watuma ke, wabiza zonke incibi zase‐Jipete, nazo zonke izilumko zakona; waza u‐Faro wazibalisela ipupa lake; kodwa akwabiko mntu obenokuwatyila ku‐Faro.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi kusasa, umoya wakhe wangqunga; wathumela, wazibiza zonke izazi zaseYiputa, izilumko zonke zakhona. UFaro wazixelela iphupha lakhe; akwabakho bani kuzo unokuwatyhila kuFaro.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwasa umoya wakhe wakhathazeka; wathumela ukuba kubizwe zonke izazi zaseYiputa, nezilumko zakhe zonke; uFaro wazixelela iphupha lakhe; kodwa akubangakho namnye ubenako ukuyicacisa kuFaro.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwasa ekhathazekile yile nto, waza wathi makubizwe zonke izanuse noosiyazi baseJiputa. Wabalawulela amaphupha akhe, kodwa bonke batsho phantsi, ababi nako ukuwachaza.