Genesis 42:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bati: Izicaka zako zingabazalwana abalishumi linababini, bengonyana bendoda nye yasezweni le‐Kanane; kekaloku bona ke, omncinane unobawo namhla, omnye kanti akaseko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi, Abakhonzi bakho balishumi elinababini; siyazalana, singoonyana bamfo mnye ezweni lakwaKanan. UYabona, omncinane ukubawo namhla, omnye akakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi ke bona: “Abakhonzi bakho balishumi elinesibini abazalwana, singoonyana bandoda-nye ezweni lakwaKanan; yabona, omncinane ukubawo namhlanje, omnye akakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathe bona: “Mhlekazi, thina kutata singamadoda alishumi linambini. Simi kwilizwe laseKanana. Omnye umntakwethu akasekho; untondo yena usele nexhego ekhaya.”