Genesis 42:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Susani abe mnye wakuni, aye kutabata umninawe wenu; nina kodwa niya kubanjwa entolongweni; aze amazwi enu alingwe, ukuba kuko inene kuni kusinina: okanye, bomi bo‐Faro! ngenyaniso nizintlola.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thumani omnye kuni apha, aphuthume umninawa wenu, nikhonkxwe nina; acikidwe amazwi enu ukuba ninenyaniso na;ukuba akubanga njalo, ehleli nje uFaro, inene noba niziintlola.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thumani omnye kuni apha, alandele umzalwana wenu, nokhonkxwa, ukuze acikidwe amazwi enu, ukuba ninenyaniso na;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Omnye wenu uza kuya kumphuthuma. Bonke abanye aba baza kuvalelwa elugcinweni, kude kuvele inyaniso yale nto niyithethayo. Ndifung' ukumkani, mna ndithi niziimpimpi nina.”