Genesis 42:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ningabenyaniso, makabanjwe omnye wabazalwana benu endlwini yokugcinwa kwenu; nize nihambe nina, nise inqolowa ngenxa yokulamba kwezindlu zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana wenu makafakwe entolongweni yenu; yiyani, nithabathe ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuze ndiqonde ukuba ninyanisile omnye wenu uza kuhlala apha kule ntolongo benigcinwe kuyo, abanye bona bagoduke nengqolowa le niyithengileyo, bayise kuloo mawenu alambileyo.