Genesis 42:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umninawe wenu omncinane nimzise kum; aya kwandula anyaniswe amazwi enu, naningayi kufa. Benje njalo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mziseni umninawa wenu kum; ke ngoko, amazwi enu aya kuqinisekiswa, kwaye aniyi kufa. Kwaye benjenjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa kufuneka nimzise apha kum loo mninawa wenu yena. Loo nto iya kundibonisa ukuba beninyanisile, ndinganibulali ke.” Bavuma,