Genesis 42:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bati omnye kwomnye: Sinetyala ngenyaniso pezu kwomninawe wetu, ekubeni sibe sibona uxinezeko lwompefumlo wake akusitaṙuzisa, kanti sasingapulapuli noko; kukona obubunzima busihleleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathetha omnye komnye besithi, Inene, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, ngokuba sakubona ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; ke ngoko, le mbandezelo ifikile kuthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kambe bethetha bodwa besithi: “Kunje-nje-nje kungenxa yento esayenza kumninawa wethu uJosefu. Asizange simhoye esibongoza ukuba simncede kwimbandezelo awayekuyo. Yiyo loo nto nathi sibandezelekile nje.”