Genesis 42:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wajika kubo, walila; wada wabuyela kubo, wateta nabo, wasusa kubo u‐Simone, wamnxiba pambi kwamehlo abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabafulathela, walila; wabuya weza kubo, wathetha kubo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa phambi kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wee guququ uJosefu, wakha walila. Uthe akuba nako ukuthetha kwakhona, walatha uSimon, wathi makabotshwe bejongile.