Genesis 42:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula waxela u‐Josefe ukuba makuzaliswe inxowa zabo ngenqolowa, nokuba kubuyiselwe imali zabo abanye ngabanye ezinxoweni zabo, nokuba bapiwe umpako wendlela; kwaye kusenziwa njalo kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYosefu mazizaliswe iipokotho zabo ngengqolowa, imali yabo bonke ibuyiselwe engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; Wenjenjalo ke nakubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uJosefu mazizaliswe ngengqolowa iingxowa zabantakwabo, kufakwe nemali yomntu ngamnye engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela. Yenziwa yonke loo nto.