Genesis 42:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ute omnye, akuvula inxowa yake, ukuba anike iqwaṙashe lake ukutya endaweni yokulalisa, wabona imali yake: ngokuba, bona ke, ibisemlonyeni wenxowa yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, esemlonyeni wengxowa yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aluse iesile lakhe kwindlu yabahambi, wayibona imali yakhe; ngokuba, yabonani, belisemlonyeni wetyala lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwindawo ababekhulule kuyo ukuchitha ubusuku, omnye kubo wayivula ingxowa yakhe, eza kupha idonki yakhe ukutya, wafika imali ibekwe ngaphezulu.