Genesis 42:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kubazalwana bake: Imali yam ibuyisiwe; kanjalo, nantsi ikwa senxoweni yam. Kwaza kwapuma intliziyo yabo, bajikelana ngokungcangcazela, besiti: Kuyinina oku utixo akwenzileyo kuti?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; yabona ke, ukho wena kum;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubhekise kubantakwabo wathi: “Imali yam ibuyisiwe; nantsi engxoweni!” Bothuka kakhulu, bangcangcazela, bathi: “Yintoni le uThixo asenza yona!”