Genesis 42:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka onyana baka‐Yakobi beza kutenga pakati kwabo babesiza; ngokuba indlala ibiko elizweni le‐Kanane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaSirayeli beza kuthenga ingqolowa phakathi kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza oonyana bakaSirayeli, beza kuthenga ingqolowa kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana bakaSirayeli bagaleleka kunye nabanye abathengi, kuba kwakukho indlala kulo lonke eKanana.