Genesis 42:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Josefe wabona abakuluwe bake, wabazi; kodwa wazenza owasemzini kubo, wateta nabo ngobulukuni, wati kubo: Nivela pina? Bati: Sivela ezweni le‐Kanane, ukuza kutenga ukutya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na?Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza wasemzini kubo, wathetha nabo kalukhuni; wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi akubabona abantakwabo uJosefu, wabanakana kwangoko, kodwa wazenza ongabaziyo. Wababuza rhabaxa wathi: “Nivela phi?” Bona bathi: “Sivela eKanana. Size kuthenga ukutya.”