Genesis 43:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aze utixo onamandla onke ange anganinika ububele ebusweni bendoda, ukuba indulule nani umzalwana wenu omnye no‐Benjamine! Okwam, nxa ndihlutwa abantwana, ndiyahlutwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngamana uThixo uSomandla waniphatha ngemfesane phambi kwendoda leyo, ukuba inikhululele omnye umzalwana wenu lowo noBhenjamin. Mna, ukuba ndihluthiwe abantwana, ndihluthiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngamana uThixo uSomandla waniphatha ngemfesane phambi kwaloo ndoda, ukuba imgxothe omnye umzalwana wenu uBhenjamin. Xa abantwana bam bebiwa, ndiyakhuthuzwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wanga uThixo uSomandla angayenza mhlophe indlela yenu, ize loo ndoda inenzele inceba, imbuyisele kuni uBhenjamin nalaa mntakwenu useleyo. Ukuba mna kufuneka ndilahlekelwe ngabantwana bam, kulungile.”