Genesis 43:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wapakamisa amehlo ake, wambona u‐Benjamine umninawe wake, unyana wowake unina, wati: Ngulo̔ na umninawe wenu omncinane, enibe ninditetela ngaye? Waza wati: Wanga utixo angaba nofefe kuwe, nyana wam!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uBhenjamin umninawa wakhe, umntwana kanina, wathi, Nguye na lo umninawa wenu omncinane, enibe nithetha ngaye kum? Wathi, Ngamana uThixo wakubabala, nyana wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uBhenjamin umninawa wakhe, unyana kanina, wathi, Nguye na lo umninawa wenu omncinane, enibe nithetha ngaye kum? Waza wathi: “uThixo makabe nenceba kuwe, nyana wam!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu uthe akubona uBhenjamin umninawa wakhe: “Ngulo mninawa wenu ke lo benithetha ngaye? Lwanga ufefe lukaThixo lunganawe, mfo wam.”