Genesis 43:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watsho u‐Juda kuye ukuti: Yanqi̔nisa kakulu kuti indoda leyo, isiti: Anisayi kubona ubuso bam, engeko nani umninawe wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYuda kuye, Indoda leyo yaqononondisa kuthi, yathi, Aniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYuda kuye, Yasifunga loo ndoda, yathi, Aniyi kububona ubuso bam, engekho umninawa wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJuda wathi: “Laa mfo wasinqonqozisa, esithi akafuni nokusibona oku ukuba asizanga naye uBhenjamin.