Genesis 43:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waselenxama u‐Josefe; ngokuba umbilini wake wauvuta pezu kwomninawe wake: wada wafuna indawo yokulila; waya wangena enkambilini yapakati, walila apo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhawuleza uYosefu; kuba wasikwa yimfesane ngenxa yomninawa wakhe, wafuna indawo angalilela kuyo, wangena engontsini, walila khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYosefu wakhawuleza; ngenxa yokuba isisu sakhe sasiswele umninawa wakhe, kwaye wayekhangela indawo apho angalila khona; Wangena egumbini lakhe, walila khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu, esikwa yimfesane kukubona umninawa wakhe, ukhawuleze waphuma, waya kungena egumbini lakhe, kuba wayeseleza kulila. Wafika apho wakhe wagixa.