Genesis 43:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wawabela izabelwa zokutya zivela pambi kwake; kodwa isabelwa sika‐Benjamine sibe sikulu kwizabelwa zabanye bonke ngokuhlanu. Baye besela, bagcoba naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aselwa izabelo ezisuka phambi kwakhe; ke isabelo sikaBhenjamin saba sikhulu kahlanu kwizabelo zabo bonke bephela. Basela, baba mnandi benaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazithabatha, wazisusa kuye; ke ukutya kukaBhenjamin bekubhetele ngokuphindwe kahlanu kunabo bonke abanye. Basela kwaye bonwabile naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babesitya ukutya okuvela etafileni kaJosefu. UBhenjamin yena waphiwa kakhulu kunabanye, ephindwe kahlanu. Batya ke, basela kunye noJosefu, bada bamnandi.