Genesis 43:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati: Yazingisa indoda leyo ukusibuza okwetu, nokwesalamane setu, isiti: Uyihlo usahleli na? kuseko kuni umninawe na? saza sayityela kwa ngokuteta kwalamazwi: saka sakwazi na ukuba woti: Yihlani nomninawe wenu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi, Indoda leyo yabuza kunene ngathi nangemizalwana yethu, isithi, Usaphilile na uyihlo? Nisenomninawa na?Sayixelela ngokwaloo mazwi. Besisazi yini na ukuba ibiya kuthi, Yihlani nomninawa wenu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko bathi: “Le ndoda yasibuza ngenyameko nangemeko yethu neyentsapho yakowethu, isithi: “Usaphila na uyihlo? Wayenomnye umzalwana, saza samxelela ngokwaloo mazwi, sathi: “Ngaba siyazi na ngokuqinisekileyo ukuba uya kuthi: “Mxhaseni umzalwana wenu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathi: “Laa mfo wayesibuza, esigocagoca ngekhaya lethu, efuna ukwazi ukuba ubawo usaphila na, nokuba ngaba sinaye na omnye umntakwethu. Saza ke thina sayiphendula le mibuzo. Besiya kwazi njani ukuba wayeza kuthi makuziwe noBhenjamin?”