Genesis 43:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndoti mna ndimbambisele; kwa sesandleni sam uya kumbiza: ukuba andimzisi kuwe, ndimbeke pambi kwako, mandandule ukunikwa ityala nguwe yonke imihla yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ndiya kummela, wombiza esandleni sam; ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, mandibe netyala kuwe yonke imihla yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kulindela kuye; mbuze esandleni sam; Ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, ndoba netyala kude kube ngunaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba kukho nto yenzeka kuyo woyibuza apha kum. Ukuba andibuyanga nayo isaphila, ndiya kuthwala ityala bonke ubomi bam.