Genesis 44:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Juda: Siya kuti nina enkosini yam? siya kuteta nto nina? soti nina ukuzilungisa? Utixo nyifumene inkohlakalo yezicaka zako; bona ke, singamakoboka enkosi yam, kwa tina, nalowo yayifunyenwe ibekile esandleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYuda wathi, Siya kuthini na enkosini yam? Siya kuthetha ntoni na? Siya kuzihlamba njani na? UThixo ubufumene ubugwenxa babakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina aba, nalowa indebe ifunyenwe esandleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYuda, Siya kuthini na enkosini yam? sothetha njani? sothini na ukuzihlambulula? uThixo ukubonile okungendawo kwabakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina nalowo ifunyenwe kuye indebe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJuda uthe: “Singathini kuwe, mhlekazi, ukukubonisa ukuba asazani nale nto? Singathini ukuzihlamba? NguThixo olaziyo ityala lethu. Thina sonke ngoku singamabanjwa, asinguye kuphela lo ifunyenwe kuye indebe yakho.”