Genesis 44:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Makube lé kum ukwenje njalo! indoda, ibekile ifunyenwe esandleni sayo, yiyo eya kuba likoboka lam; kodwa nina, nyukani ngoxolo niye kuyihlo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Makube lee kum ukwenza loo nto; indoda efunyenwe esandleni sayo indebe, yiyo eya kuba sisicaka kum; ke nina nyukani nixolile, niye kuyihlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ngamana uThixo angandivimba, ndenze loo nto. Ke osukuba ifunyenwe esandleni sakhe indebe, woba sisicaka sam; wena ke, nyuka uye kuyihlo ngoxolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uJosefu: “Unongekhe; andiyivumi loo nto! Kuza kubanjwa lo ifunyenwe kuye indebe yam qha. Bonke abanye bangagoduka ngoxolo, babuyele kuyise.”