Genesis 44:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Juda wasondela kuye, wati: Ke, nkosi yam! makesitete isicaka sako ilizwi ezindlebeni zenkosi yam, ize ingavuti ingqumbo yako ngakuso isicaka sako; ngokuba ukwa ngango‐Faro wena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYuda wasondela kuye, wathi, Tarhu, nkosi yam! Makhe athethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zinkosi yam;mawungavuthi umsindo wakho ngakumkhonzi wakho, ngokuba ungangoFaro wena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasondela uYuda kuye, wathi, Camagu, nkosi yam, makathethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zenkosi yam, umsindo wakho mawungavuthi kumkhonzi wakho, ngokuba enjengoFaro.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJuda wasondela kuJosefu, wafika wathi: “Ngxe, mhlekazi! Ndivumele ndithethe, nakuba ungangokumkani ngokwakhe.