Genesis 44:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saza sati enkosini yam: Kuko kuti ubawo, olixego, kwa nomntwana wobuxego bake, omncinane; umkuluwe wake ufile, ukukupela kwoshiyiweyo ngunina yena, kanjalo uyise uyamtanda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi thina enkosini yam, Sinobawo ixhego, nomntwana wobuxhego bakhe omncinane; umkhuluwa wakhe wafa, yena usele yedwa kunina, uyise uyamthanda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Saza sathi kukumkani wam: Sinobawo wethu, ixhego, nomntwana obudala bakhe, omncinane; wabhubha umninawa wakhe, wasala yedwa nonina, uyise ebemthanda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sathi ubawo usadla amazimba, phofu selaluphele. Satsho nokuthi sinaye nomninawa ovele selemdala ubawo. Umkhuluwa wale ntwana akasekho; yiyo yodwa ke ngoko esaphilayo kubantwana bakanina. Uyise uyithanda kakhulu.