Genesis 44:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saza sati: Sikohliwe kukuhla: ukuba umninawe wetu omncinane uko nati, siya kwandula sihle; ngokuba singebe nakubona ubuso bendoda leyo, nxa umninawe wetu omncinane angenati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi, Asinakuhla. Ukuba umninawa wethu omncinane unathi, sohla; kuba asinakububona ubuso bendoda leyo, engenathi umninawa wethu omncinane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Saza sathi, Asinakusuka; Ukuba umninawa wethu unathi, sohla; kuba asiyi kububona ubuso baloo ndoda, xa umninawa wethu engekho kuthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Samxelela sathi asinakuza apha, singenakwamkelwa, singezanga nayo le ntwana. Besingeza apha kuphela xa ngaba siza nayo.