Genesis 44:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ke, ndakufika kwisicaka sako ubawo, umfana engeko nati nje, (ngokuba umpefumlo wake ubotshelwa empefumlweni walowo,)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke, ukuba ndithe ndafike kubawo umkhonzi wakho, engenathi umfana (umphefumlo wakhe ubotshwe nomphefumlo wakhe nje),
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ndithe ndaya kubawo, umkhonzi wakho lo, akakho phakathi kwethu unyana; ebona ukuba ubomi bakhe bubotshelelwe kubomi benkwenkwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke ngoko, mhlekazi,” utshilo uJuda, “ukuba ndingabuyela ekhaya ingekho le ntwana, ubawo angafa zisuka nje xa aphawula ukuba ayikho. Akasenako ukwahlukana nale nkwenkwe. Selaluphele kangangokuba angafa.