Genesis 44:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isicaka sako sabambisela umfana lowo kubawo, ndisiti: Ukuba andimzisi kuwe, mandandule ukunikwa ityala ngubawo yonke imihla yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umkhonzi wakho lo wammela umfana lowo kubawo, ndisithi, Ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndoba netyala kubawo yonke imihla yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba umkhonzi wakho lo wenza umnqophiso phakathi konyana noyise, ndathi, Ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndobuthwala ubugwenxa bukabawo ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko ndafunga kubawo ndathi kungafa mna kunokuba kwenzeke into kule ntwana. Ndathi, ukuba andibuyanga nayo, ityala aze alibeke kum.