Genesis 45:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wakohlwa u‐Josefe kukuzinyanzela pambi kwabo bonke abebemi ngakuye, wadanduluka esiti: Yenzani bapume bonke abantu kum. Kwaye kungeko mntu emi ngakuye, ekuzaziseni kuka‐Josefe kubakuluwe bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYosefu akabanga nakuzibamba phambi kwabo bonke ababemi ngakuye. Wadanduluka wathi, Khuphani bonke abantu, bemke kum.Akwabakho mntu umi ngakuye ekuzaziseni kukaYosefu kubazalwana bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYosefu akabanga nakuzibamba phambi kwabo bonke ababemi ngakuye; wadanduluka esithi, Ndikhululeni nonke. Yaye kwakungekho bani umi ngakuye ekuzibonakalisa kukaYosefu kubantakwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu akabanga saba nako ukuzibamba. Wathi izicaka zakhe maziphume. Kwasala yena nabantakwabo. Wabaxelela ukuba ungubani na.