Genesis 45:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wauya kuhlala ezweni le‐Goshene, ube kufupi kum, wena nonyana bako, nonyana bonyana bako, negusha zako, nenkomo zako, nako konke onako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wohlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi kum, wena, noonyana bakho, noonyana boonyana bakho, nempahla yakho emfutshane, neenkomo zakho, nezinto zonke onazo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuhlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi nam, wena, nabantwana bakho, nabantwana babantwana bakho, nempahla yakho emfutshane, neenkomo zakho, neento zonke onazo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Angema kulaa mmandla waseGoshen, apho aya kuba kufuphi nam. Makeze nabantwana bakhe, abazukulwana, iigusha, iibhokhwe, iinkomo, konke okwakhe.