Genesis 45:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaye ndiya kukufunzela kwa lapo; ngokuba kusaya kubako emihlanu iminyaka yendlala; ukuze ungangeni ebuhlwentshini, wena nendlu yako, nako konke onako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndikondle khona, kuba isaya kuba mihlanu iminyaka yendlala; hleze uhlwempuzeke wena, nendlu yakho, nento yonke onayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndonondla khona; kuba kuya kubakho iminyaka emihlanu yendlala; ukuze ungasweli wena, nendlu yakho, neento zonke onazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndombonelela elapho, kuba kusasele eminye iminyaka emihlanu yendlala, yaye andifuni afe yindlala, yena nendlu yakhe, nento yonke anayo.”