Genesis 45:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nitabate uyihlo nabezindlu zenu, nize kum; ndiya kunipa ubumnandi belizwe le‐Jipete, naniya kutya ubunqata belilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nithabathe uyihlo nezindlu zenu, nise kum apha. Ndoninika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, nidle ukutyeba kwelizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thabatha uyihlo nendlu yakho, uze kum apha. Ndokunika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, udle ukutyeba kwelizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bafike apho baxelele uyihlo kunye neentsapho zenu ukuba bafudukele eJiputa. Ndobanika eyona ndawo ilungileyo kwelaseJiputa ukuba bahlale khona, babe nenxaxheba kwindyebo yalapha.”