Genesis 45:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bashumayela kuye, besiti: U‐Josefe usahleli, kanjalo nguye ongumpati pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete. Yaza intliziyo yake yawa, ngokuba engakolwanga ngabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamxelela wathi, uYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaphuka intliziyo kaYakobi, ngokuba engakholwa ngabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bafika bathi: “UJosefu uyaphila! Nguye umphathiswa waseJiputa!” Wathi nqa yiloo nto uYakobi, engakholwa.