Genesis 45:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Mna ndingu‐Josefe; ubawo usahleli na? Koko abakuluwe bake bebekohlwa kukumpendula; ngokuba bebetuswa ebusweni bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYosefu kubazalwana bakhe, NdinguYosefu; usaphilile na ubawo? Ababa nako ukumphendula abazalwana bakhe; kuba bakhwankqiswa phambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYosefu kubazalwana bakhe, NdinguYosefu; Ubawo usaphila, abanakumphendula abazalwana bakhe; ngokuba bebesoyika ebusweni bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenjenje uJosefu ukuthetha nabantakwabo: “NdinguJosefu. Nithi ubawo usaphila?” Bakukuva oko abantakwabo bothuka, ababi nako nokuthetha.