Genesis 46:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba bangonyana baka‐Zilipa, lowo u‐Labane wamnikayo ku‐Leya intombi yake; aba ke wabazala ku‐Yakobi, beyimipefumlo elishumi linesitandatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo abo oonyana bakaZilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo abo oonyana bakaSilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe, awayizalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aba bantwana abalishumi linantandathu ngabomlibo kaZilipha, impelesi kaLeya awayeyinikwe nguLabhan.