Genesis 46:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Mna ndi ngutixo, utixo woyihlo wako; ungoyiki ukuya kuhlela e‐Jipete; ngokuba isizwe esikulu ndiya kusenza ngawe apo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo; musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; ngokuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mna ndinguThixo kayihlo. Uzungoyiki ukuya eJiputa; kulapho inzala yakho ndiya kuyenza isizwe esikhulu.