Genesis 46:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Josefe kubakuluwe bake, nakwabendlu kayise: Ndonyuka ndiye kushumayela ku‐Faro, nditi kuye: Abakuluwe bam, nabendlu kabawo, ababesezweni le‐Kanane, bafikile kum;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakubantu bendlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye ndiye kumxelela uFaro, ndithi kuye, Baze kum abazalwana bam nabendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosefu ubhekise kubantakwabo nakumawabo wathi: “Ndiza kukha ndiye kuxelela ukumkani ukuba ubawo nabantakwethu ababefudula beseKanana, bafikile,